Posts

Showing posts with the label ibalilesixhosa

Hamba Nam Ndipheleke | Grade 10 | mg-educationallife

                          Hamba Nam Ndipheleke Isihloko sokuqala Le drama idlalelwa ezilalini zase-Qoboqobo nakwa-Langa ezone-21. Lo mdlalo uqhubeka ngexesha lakudala lengcinezelo.Amadoda ayeshiya amakhaya nentsapho ayekuxelenga kwidolophu ezinkulu. Ikapa yenye yedolophu eyaziwa ngoku ginya amadoda asuka kwiindawo ngeendawo zase-Mzantsi Afrika. Apha kweliqonga Umelumzi watshata no Thandiwe. Ekuhambeni kwexesha kwafumaniseka ukuba uThandiwe ukhulelwe ngelishwa akazange aphile umntwana ka Thandiwe,waze wangcwatyelwa emva kwendlu. UThandiwe waye soloko emile phezu kwengcwaba lomntwana wakhe,lade labiyelwa ukuze zingasondeli izilwanyana ezinjenge hagu,nkunku neenkomo.